top of page

UKULUKHAMA NGESANDLA UBISI LWAKHO

Ukukhama ngesandla sisakhono umama ngamnye oncancisayo anokusifunda. Oomama abaninzi abanayo impompo yokukhama ubisi. Balukhama ngesandla ubisi ukuze balushiyele iintsana zabo. Amabele akho ayawazi ubushushu bokuthi ngca usana ulusu eluswini, ngoko xa ubeka izandla zakho kuwo ayiye ivakale iyinto engaqhelekanga loo nto ibe inganceda ekubeni akhuphe ubisi oluninzi. Ayikho enye into oyidingayo ngaphandle kwezandla zakho!

​

IZIZATHU ZOKUKHAMA UBISI NGESANDLA

Ubisi lwakho kokona kutya kulungele usana lwakho. Kusenokufuneka ulukhame ngesandla ubisi lwakho:

  • ukuba  usana luzalwe ngaphambi kwexesha kakhulu ibe alukakwazi ukuncanca.

  • ukuba usana lugula kakhulu ukuba lukwazi ukuncanca kakuhle.

  • ukuba amabele akho avakala egcwele kakhulu emva kokubeleka ibe udinga ukucutha uxinezeleko lobisi.

  • ukuba udinga ukwenzela  usana lwakho ubisi olungakumbi.

  • ukuba akukho kunye nosana lwakho ibe kufuneka ulushiyele ubisi usana lwakho.

Oomama baqhele ukufumana ubisi olungakumbi xa besebenzisa izandla zabo, endaweni yempompo kuphela.

 

INDLELA YOKUKHAMA UBISI NGESANDLA EKUTHIWA YI-MARMET

Nantsi indlela elula yokukhama ubisi lwakho:

  • Ekuqaleni, ukufumana nje ubisana kulungile. Beka isitya esivuleke kakhulu ethangeni lakho ukuze ulugalele kulo ubisi, xa sele kusiba lula ukuyenza le nto ungasebenzisa isitya esincinci de usebenzise ikomityi ekugqibeleni. Emva kwexesha elithile abanye oomama baye bakwazi ukuyenza kakuhle le nto kangangokuba babeke ikomityi phambi kwebele ngalinye baze bawakhame omabini ngexesha elinye. Ube netawuli ekufuphi xa kunokwenzeka utsitse kuyo yonke indawo.

  • Ngezandla ezicocekileyo, qala ngokuwenza alunge amabele akho ngokumane utsala ngobunono iingono.

  • Beka ubhontsi nomalatha wakho kangangesentimitha enye emva kwengono yakho. Loo nto isenokwenza okanye ingakwenzi ubambe i-areola (le ndawo inolusu olumnyama ejikeleze ingono). Iminwe yakho mayihlale ingathi yenze unobumba ongu-C ibe ibele lakho lingabiphakathi kwisandla sakho (ulusu oluphakathi kobhontsi nomalatha wakho alumelanga lube phezu kwebele; kumele kuvuleke).

  • Tyhala ibele lakho libuye umva esifubeni.

  • Rola iminwe yakho njengaxa kuthathwa imigca yeminwe.

  • Yiphindaphinde le nto ngendlela efanayo.

  • Uza kuyazi ukuba uyibeke kwindawo elungileyo iminwe yakho xa uqala ubona amathontsi obisi, emva koko lutsitse luze ubisi luphume nje kakuhle.

  • Lijikeleze ibele ukuze ulwenze ubisi luphume kuyo yonke imibhobho yobisi ejikeleze ibele, lungaphumi kwicala elinye lebele.

  • Ungayivuli iminwe iqelelane, ungacinezeli, ungayitsali ingono kuba yonke le nto inokwenzeka uve kabuhlungu ize yenze nomonakalo.

© 2022 by La Leche League South Africa. Read our Privacy Policy here. Read our PAIA Manual here.

  • Facebook Social Icon
MySchool button.png

All images and other materials posted on this site are subject to copyrights owned by La Leche League South Africa or other individuals.  Any reproduction, retransmission, distribution or republication of all or part of any images, and other materials found on this site is expressly prohibited, unless La Leche League South Africa or the copyright owner of the material has expressly granted its prior written consent.  All other rights reserved.  

bottom of page