top of page

UKUBUYELA EMSEBENZINI OKANYE ESIKOLWENI

Usenokufuna ukuqhubeka uncancisa ubisi lwebele ngoxa usebenza okanye ubuyela esikolweni ngenxa yezizathu ezininzi: kokona kutya kulungele usana lwakho, lukhusela usana lwakho kwizigulo ibe yindlela yokuba nisondelelane xa ubuyile ekhaya.

I-South Africa’s Code of Good Practice on the Protection of Employees during Pregnancy and After the Birth of a Child[1] ikunika isiqinisekiso sokuba ube nekhefu lemizuzu eyi-30 kabini ngosuku ukuze uncancise okanye ukhame ubisi qho ngosuku lomsebenzi kangangeenyanga ezintandathu zokuqala emva kokuba ephila umntwana. Oomama abaphangelayo abancancisayo lincinci ixesha abalithathayo emsebenzini bangabikho kuba benyamekela umntwana ogulayo.

​

INDAWO OZA KUKHAMA UKUYO EMSEBENZINI OKANYE ESIKOLWENI

Ikhona indawo esecaleni enomnyango etshixekayo? Ukuba ayikho, unokuza nento esithayo ukuze usithakale okanye uzogqume ngento yokogquma xa uncancisa ngexesha okhama ngalo.

Ikhona ifriji yokugcina ubisi lwakho? Ukuba ayikho, kuza kufuneka uze nebhokisi ebandisayo eneayisi.

Abanye oomama basebenzisa elinye lexesha labo lelantshi okanye leti kunye neli lokuncancisa linikezelwa yi-South African Code of Good Practice.[1]

 

ISIXA SOBISI

Lushiyele ubisi ubuncinane olungange-30 ukuya kwi-40 ml yobisi lwakho usana lwakho ngeyure nganye ongazukuba kunye nalo. Ngamanye amaxesha usana lusenokudinga ubisi olungakumbi ukuba kulixesha elikhula ngalo.

​

UKUGCINA UBISI LWAKHO

Oomama abaninzi balukhama namhlanje ubisi ukuze balushiyele usana ngomso.

Into yokulugcina oluyiglasi ilungile ibe ungaphinda uyisebenzise. Udinga nje ukuba uyihlambe ngamanzi ashushu anesepha ukuba usana aluzalwanga ngaphambi kwexesha ibe lusempilweni.

Lugcine lubanda ubisi lwakho ukuba awuzukulusebenzisa kwiiyure ezimbalwa ezilandelayo.

Ukuba ugcina ubisi ukuze ulusebenzise ngelinye ixesha, ungalixuba lonke xa sele lukwiqondo lobushushu elifanayo.

Lugcine ubisi luzizixa ezincinci eziyi-60 ukuya kwi-100 ml ukuze lungamoshakali.

​

IINTSUKU ZOKUQALA UBUYELE EMSEBENZINI

Uza kulukhumbula usana lwakho ibe nalo luza kukukhumbula. Yenza ixesha lokuncancisa kusasa ngaphambi kokuba uhambe.

Thetha nomntu ogcina usana ngento yokuba ushiya ubisi nangendlela oluza kuseliswa ngayo usana lwakho (umz., ngebhotile okanye ngekwati yeplastiki).

Phatha ifoto oza kuyijonga okanye into yokunxiba encinci yosana lwakho oza kuyinukisa ngoxa ukhama ubisi lwakho.

Nxiba ihempe engakubambiyo okanye enamaqhosha ngaphambili ukuze kube lula ukukhama ubisi.

Usana lwakho lusenokuncanca kakhulu ebusuku lubuyisa ela xesha ubungekho ngalo. Oomama abaninzi balugcina kufuphi usana ukuze bakwazi ukuphumla ngakumbi. Okukhona usana luncanca xa nikunye, kokukhona umzimba wakho uza kwenza ubisi olungakumbi.

​

UKUSEBENZISA UBISI LWAKHO

Ezinye iintsana azinangxaki nokusela ubisi olubandayo, okanye unokulufudumeza ngokuthi ufake into ekulo kumanzi ashushu. Ungalufudumezi ngqo esitovini okanye kwi-microwave.

Ubisi olushiyekileyo lungaseliswa usana xa luncanca kwakhona.

Ukuba ubisi belukhenkcezisiwe, ungaphindi ulukhenkcezise xa sele lunyibilikisiwe kwaye lusebenzise kwiiyure eziyi-24.

Ubisi olugcinwe kwibhokisi yokubandisa eneayisi lungasetyenziswa kwiiyure eziyi-24.

Ubisi olugcinwe emva efrijini lungasetyenziswa kwiintsuku eziyi-3 ukuya kweziyi-8.

Ubisi olugcinwe kwindawo ekhenkcezisayo efrijini lungasetyenziswa kwiiveki eziyi-2.

​

REFERENCES

[1] The Basic Conditions of Employment Act (BCEA) of South Africa

- https://www.gov.za/documents/basic-conditions-employment-act

and

The “Code of Good Practice on the Protection of Employees during Pregnancy and after the Birth of a Child” COGP)

- http://www.labour.gov.za/DocumentCenter/Pages/Home.aspx 

© 2025 by La Leche League South Africa. Read our Privacy Policy here. Read our PAIA Manual here.

  • Facebook Social Icon
MySchool button.png

All images and other materials posted on this site are subject to copyrights owned by La Leche League South Africa or other individuals.  Any reproduction, retransmission, distribution or republication of all or part of any images, and other materials found on this site is expressly prohibited, unless La Leche League South Africa or the copyright owner of the material has expressly granted its prior written consent.  All other rights reserved.  

bottom of page