top of page

IINGXAKI NAMACEBISO OKUNCANCISA IBELE 

Luncancise ibele usana lwakho kwaoko lakuba luzelwe. Usana kufuneka luncance ibele kayi-10 nangaphezulu kwiiyure eziyi-24. Xa usana lwakho lumane luncanca qho, nawe kukhona uza kumane usenza ubisi.

 

UKUBAMBA INGONO NGEMILEBE

  • Hlala kakuhle okanye woyame ngomqolo kakuhle.

  • Umphambili womzimba wosana ufanele uthi ngca kumphambili womzimba wakho. 

  • Beka ingono yakho empumlweni yosana  – le nto inokunceda ukuba usana luwuvule kakhulu umlomo luze luyibambe yonke ingono.

  • Lusondeze kuwe kangangoko kunokwenzeka usana xa lulungele ubamba ingono ngemilebe yalo.

 

I-COLOSTRUM LUBISI OLUKHETHEKILEYO OLWENZAYO KWIINTSUKU EZIMBALWA ZOKUQALA UKUKHUSELA USANA LWAKHO KWIZIGULO.

  • Usana ludinga nje isixa esincinci salo ngexesha.

 

USANA KUFUNEKA LUNCANCISWE EBUSUKU

Ubisi lwebele lucoleka lula nangokukhawuleza. Yiloo nto iintsana zivuka ebusuku ukuze zitye.

  • Ukuncancisa ibele ebusuku kunceda ukuba wenze ubisi olungakumbi.

  • Ungenza ukuba kube lula ukuluncancisa ebusuku ngokuthi ulugcine usana lwakho kufuphi kuwe.

 

UKUGCWALA KWAMABELE

  • Sebenzisa into yokukhama ibele ebandayo okanye amagqabi ekhaphetshu ngexesha ongancancisi ngalo ukuze kwehle ukudumba.

  • Sebenzisa izinto zokukhama ibele ezishushu ngaphambi kokuncancisa.

  • Yenza amabele akho athambe ngokuthi ukhame olunye lobisi ngesandla.

  • Ncancisa qho!

 

UBISI LUBALEKA KAKHULU?

Soze! Ubisi lwakho luyatshintsha ngexesha oncancisa ngalo. Khama amatshontsi ambalwa ngaphambi nasemva kokuncancisa ukuze ubone umahluko. Ubisi laxa uqalisa ukuncancisa lungamanzi ukuze luyeke ukunxanwa usana. Ubisi laxa sele uphakathi nokuncancisa lungqumbululu ukuze luyeke ukulamba usana.
 

IINGONO EZIBUHLUNGU

Akumelanga kube buhlungu ukuncancisa – cela uncedo xa ukuncancisa kunzima okanye kubuhlungu. Ukuncancisa uhleli kakuhle lube usana luyibambe yonke ingono ngemilebe kunokunqanda ukuba buhlungu kweengono. Qala uluncancise ibele elingekho buhlungu kakhulu.

 

UMBHOBHO OVALEKILEYO KWIBELE NE-MASTITIS (UKUDUMBA KWEDLALA KWIBELE NGENXA YOKOSULELEKA YI-FUNGUS)

Ukuba umbhombho ohambisa ubisi ebeleni uyadumba, usenokuba neqhuma elithambileyo ebeleni.

  • Jonga indlela oluhlala ngayo usana xa luncanca.

  • Luncancise qho

  • Beka izinto zokulikhama ezishushu

Ukubainxalenye yebele kwenzeka ukuba iqine, ibe bomvu, ibe buhlungu ize idumbe, kusenokwenzeka ukuba une-mastitis (ukudumba kwedlala kwibele ngenxa yokosuleleka yi-fungus). Usenokuziva unobushushu obungephi okanye ube buhlungu umzimba uze uqhaqhazele, njengaxa unomkhuhlane. Ncancisa qho uze uphumle. Ukuba awuqalisi ukuziva ngcono kwiiyure eziyi-48, usenokudinga i-antibiotic. Ikliniki okanye ugqirha wakho uza kukubhalela ukuba ufumane i-antibiotic ekukhuselekileyo ukuyisebenzisa xa uncancisa.

 

I-THRUSH

I-Thrush lulosuleleko yi-fungus. Usenokuba neengono ezirhawuzelelayo, ezinolusu oluxobukayo okanye zibe bomvu. Iintsini, izidlele, imilebe nolwimi losana lwakho lunokuba nento emhlophe. Kusenokufuneka kunyangwe umama kunye nosana. Ikliniki yakho inokukunika wena nosana lwakho iyeza eliyi-antifungal. Kukhuselekile ukuba uqhubeke uncancisa. Vasa uze ususe kakuhle ibhakteriya kuzo zonke iititi needami ukuba uyazisebenzisa.

bottom of page